


86 BON XHOSA - September 1 997





IMISESANE...NO MTSH.ATO
Umhla wokutshata ngowona ubalulekileyo ebomini bakho kuwe nakwindoda yakho. Ukuze ubhiyozele esi siganeko sibalulekileyo kwa-American Swiss sikhethe iintlobo ngeentlobo zemisesane ukuze zilungele nabani na. Kwa-American Swiss kukho iindidi ngeendidi zamacici edayimani nawegolide, izacholo namatsheyini ukwenzela loo mhla ukhethekileyo, nto Ieyo ephelelisa inkangeleko yakho ukuze ube nguloo mtshakazi usoloko unqwenela ukuba nguye.
Kokukhethayo ngokuqinisekileyo uya kufuna ukuncedwa kwisigqibo ofuna ukusenza nto leyo abakholo yona abasebenzi bakwa-American Swiss abaqeqeshelwe ukukunceda ukwenza olu khetho lubalulekileyo nolunik umdla. Baza kukuchazela uncedo Iweecarat zegolide ezahlukahlukeneyo, bade bacebise okuyiliweyo kwenu nobabini eninokukuqwalasela. Qinisekani ngesiqinisekiso sokubuyiselwa imali emva kweentsuku ezisixhenxe, ukulinganiswa kwasimahla komsesane wenu kwanamaxabiso amahle okufakwa kwazo kwi-inshorensi
Kwa-American Swiss bayakwazi ukukuyilela umsesane othandwa nguwe ukuze ufanele iimfuno zakho. Phofu ke oku kunokuthatha ixesha kunokuba ubuza kukuthenga kwiindidi ezifumanekayo. Ngeendlela zethu zokuthenga ngetyala uhlawule iinyanga ezi-6, 12 okanye 18 unako ukuwufumana umsesane owufunayo


88 BONA XHOSA - September



KUSHICILELO lwakhe lwamvanje uREBECCA Eliot weAdventure Portfolio, abashicileli bewedding Collection, isikhokelo saminyaka le kwiinkonzo zomtshato eGauteng, ucacisa okumangalisayo ngezi zithethe neenkolelo.
Ucacisa athi inkolelo ezininzi kusabanjelelwe kuzo nakuba inkoliso yabatshakazi nabayeni ikhetha ukuba nemitshato emincinane kunye nezalamane zabo kunemitshato emikhulu neyayiqhelekile kwiminyaka edlulileyo.
Abanye bathi ilokhwe yomtshato yeyona nto ibalulekileyo kuwo nawuphi na umtshato, iseyeyona nto ithandwayo nenomfaneleko nakuba iifashoni zisahluka ukuze zifanele okuthandwa nokuyisayizi yomtshakazi. Emhlophe, luhlobo lokuba useyintombi engazani nandoda, isathandwa kanti ke inkoliso yabatshakazi ikhetha eminye imibala enjengogolide, oqanda okanye oluhlaza nodiza ubutsha, ithemba nolonwabo. inkoliso yabatshakazi abamnyama eMzantsi Afrika ababukeka bebahle kwilokhwe emhlophe bakhetha ukutshata ngokwendlela yakwaNtu benabantu abambalwa abazokuzimasa eli theko, lize emva koko lilandelwe ngumtshato onesimbo saseNtshona.
lmisesane iyathengwa nezacholo isezezakwantu. Umsesane umela uthando lwanaphakade olungapheli; igolide ithetha ubunyulu.
Iqhiya ke phofu itshintshile.
Umbono wokuyilwe ngomnye wabayili befashoni zabatshakazi kwiThe Wedding ColIection.
Kuyamangallsa
ngenene, isaci esithi ukuziqamangela ngeqhina7 Sinokulandwa emva phaya kwiYurophu yamandulo xa kwakungavumelekile ukuliqhina iqhina Iomtshato inkonzo yomtshato isaqhubeka.
Kwakukho inkolo yokuba oku kunokubangela eso sibini singazali.
Zingaphi ezinye izithethe ezisaseleyo, zaqala njani?
Kumaxesha angaphambi kobuKrestu isigqubuthelo sasifuneka ukuze sifihle umtshakazi kwimimoya emibi. Kule mihla sinokuthathelw indawo ngumnqwazi okanye intyatyambo.
Ukusasazwa kwamaphetshana acukuceziweyo kumtshakazi ngokokutsho kukaRebecca sisithethe samandulo esixutyiweyo nesicatshulwe kumaTaliyane asibiza ngokuthi confetti, nesinentsingiselo yokuchuma.
Kukho inkolelo yokuba ukujukujelwa kwebhanti elitwabulukayo nesipho seentyatyambo somtshakazi kuzisa ithamsanqa nokutshata konqakula enye yezi. lnkoliso yabayeni izama ukufumana le bhanti etwabulukayo kumantla ethanga lomtshakazi kunokuba kube ngentla kwedolo,
neendwendwe zabo zimangaliswa koku!
Ekubeni uninzi lwabatshakazi sele lunamakhaya, pantry party, ilinen party okanye okufana nayo kudla ngokuba kokona kuthandwayo kunekitchen tea. Itheko lomyeni (okanye ibrawl njengoko yayidla ngokubizwa njalo), ngoku inokubizwa ngokuthi yicellar party apho iindwendwe ziza nebhotite yewayini emnandi, okanye kusenokude kube
yiworkshop party.	
Iindleko zomtshato zithanda ukuba  yingxaki. URebecca uchaza ukuba ngubani ekufanele azihlawule. Phofu  ke kule mihla inkoliso yezibini ithanda ukwabelana ngeendleko kuxhomekeka kwimali ezinayo okanye
eyabazali babo.	
lindaba ezimnandi kubatshakazi nabaququzeleli bemitshato eMzantsi  Afrika kukuba sekusungulwe iWedding Collection ekuyimagazini yabatshakazi emenyezelayo, iza kushicilelwa kulo lonke eli, kabini ngonyaka. Ushicilelo lokuqala lwewedding Collection entsha (Autumn/Winter) luza kukhutshwa ngoOktobha 1997 luze lulandelwe lushicilelo lwangoMatshi/Aprili 1998
(Spring/Summer).
Ezinye iinkcazelo ezibalulekileyo ezikule Wedding Collection ziquka indlela yokuceba umtshato kwanocwangciso Iwexesha, amaxesha kwanentsingiselo yeentlobo ngeentlobo zeentyatyambo, okunokuhlolwa ngabayeni, kwanemiba enento yokwenza nomtshato. lzimbo zemitshato zamvanje ezivela kubayili baseMzantsi Afrika, kukho namacebiso aluncedo.

ISIPHO
Abafundi abanethamsanqa abangama 30 ngamnye kubo uya kufumana ushicilelo lweThe Wedding Collection lwamvanje.
Bhalela kwa: Wedding Collection/Bc Give-Away c/o Adventure Portfolio.
p.o.	Box 2690 Honeydew 2040.





l-OMO Mailbag
lOmo Maibag ikunika Iingcebiso eziphambili simahla ngeengxaki oba nazo zevasi. Idilesi nenombolo yethu yefowuni ibhalwe kwipakethi nganye yeomo Washing Powder. Unokuphulaphula linkqubo zethu kunomathotholo; uluhlu lwamaxesha luchaziwe ekupheleni kweli nqaku.


UNksk Gladys Mchunu waseRhini usibhalele ebuza ngendlela yokusususa amabala ngokukhuselekileyo ingakumbi kwiimpahla ezihlanjwa edry cleanUkususa amabala kufuna
ubuchule nenkathalo, kubalulekile ukukhawuleza uwasuse. Xa elo bala selinethuba likho, kunzima ukulisusa.

Xa loo mpahla inokuhlanjwa, zama ukususa amabala ngokuyihlamba ngendlela eqhelekileyo. Ukuba ibala alisuki okanye lifuna isishenxisi-bala esikhethekileyo, hlola okususa ibala kwindawo efihlakeleyo ukuze ubone ukuba kunasiphi isiphumo kwilaphu. Soloko uqala kumngaphandle wendawo enebala uqhubeke uye kumphakathi wayo ukuze elo bala lingasasazeki.

Sebenzisa amanzi abandayo kuba ashushu anokulibangela lingasuki lula.

Ukuba ususa ibala elinjengele inki, kucebiseka ukuba usebenzise okuthile okuza kulifunxa. Beka icotton wool kwelo bala. Enye icotton wool yithi nkxu kwisishenx-isi bala uze uyibeke kumn-gaphakathi welaphu - oku kuya
kubangela icotton wool ekwelinye icala ifunxe elo bala. Tshintsha icotton wool engaphezulu xa ubona ukuba ibala liphumela kuyo.

ICEBISO LOKUSUSA AMABALA
Amabala amafutha - Funxa elo bala ngamanzi aneOmo eninzi, yihlambe ngendlela eqhelekileyo usebenzisa amanzi adikidiki.

Phulaphula i:
Radio Zulu (Radio Ukhozi)
ngoMvulo -ngo-lO:20
Radio Sesotho (Lesedi FM)
ngoMvulo -ngo-14:OO
Radio Xhosa (Umhlobo wenene)
ngolwesiBini - ngo-lO:OORadio Ndebele (Ikwekwezi FM)
ngolwesiBini
ngo-l 0:45
Radio Venda (Phalaphala FM) ngolwesiThathu - ngo-9:OO Radio lebowa (Thobela FM)
ngolwesiThathu - ngo-12:OO Radio Setswana (Motsweding
FM)
ngolwesiNe - ngo-1O:40 Radio Swazi (Ligwalagwala FM)
ngolwesiNe - ngo-14:









BONA XHOSA -Septemba 1997 91


UDDVETSE DUDU PHETOSO
Inenekazi elinama-22 eminyaka elingathanda ukubhalelwa nguye nabani na. Uthanda ukufunda iincwadi zamabali, ukuya ecawenl nokuphulaphula umculo. lileta ezlphelekwa yifoto zinokwamkelwa. Mbhaleleni ngesiNgesi okanye isiTswana. ldilesl yakhe lthi P0.
Box 15, Maokatumo, Palapye, Botswana.

UMOJEKI CHISORA unama-33 eminyaka uthanda ukubhalelwa nguye nabani na. Uthanda ukuphulaphula unomathotholo, ukufunda nokuya ecaweni. ldilesi yakhe ithi Motsenga Primary School, P0. Box 158, Murewa U.M.P., imbabwe.

UMUNTUZA NONDABA unama24 eminyaka ethanda ukubhalelwa ngabaneminyaka ephakathi kwe-17 nama-45. lileta mazibhalwe ngesiNgesi okanye isiZulu, nincede nifake ifoto. ldilesi yakhe ithi P0. Box 141314 Madadeni;2951

ULUGILE FREDERICKA KHOSA
une-16 leminyaka, uthanda ukuba nabahlobo naphi na. Uthanda ukuphulaphula umculo, ukubukela iifilim, ukupheka, ukucula nokubhala iileta, Khanimbhalele ngesiNgesi okanye isiZulu. ldilesi yakhe ithi Sunnydale Secondary School, P0 Box 165, Eshowe 3815 okanye P0 Box 7406, Ulundi, 3838.


UCLIFFORD M. MOKOENA
unama-21 eminyaka uthanda ukubhalelwa ngamagqiyazana aneminyaka ephakathi kwe-15 nama-20. Uthanda ukufunda iimagazini. ukubukela iTV, ibhola ekhatywayo nokuphulaphula umculo. Abaselayo nabatshayayo bangazikhathazi.
Khanimbhalele ngesi Pedi, isiTswana okanye isiNgesi nize nifake iifofo kwileta yokuqala. ldilesi yakhe ithi P.O Box 867 okanye 665 Masemola, 1060.
UPETER MHLANGA lityendyana eline-17 leminyaka elingathanda ukuba nabahlobo abaneminyaka ephakathi kwe-16 riama-40. Uthanda ukuya ecaweni, ukudlala ibhola ekhatywayo, ukuqokelela izitampu nokuphisa ngeefoto, ukubukela iTV. ukufunda iBhayibhile nokucula iingoma zokholo. Mbhalelenl ngesiNgesi okanye isiShona. ldilesi yakhe ithi Tamandai Secondary
School, Post Bag 2042, Chipinge, Zimbabwe.

UKUKILE PATOSI lityendyana elinama-24 eminyaka elingathanda ukubhalelwa ngamagqiyazana aneminyaka ephakathi kwama-22 nama-24. Mbhaleleni ngesiNgesi okanye isiXhosa nize nifake ifoto kwiileta zenu ldilesi yakhe ithi 94594471, Correctional Service, Private Bag X77, Cradock, 5580.

UBEN MASHEGO ungumfo onama-29 eminyaka ongathanda ukubhalelwa
ngabanye abaneminyaka ephakathi kwe-18 nama-40. Zonke iileta ziza kuphendulwa uya kukuvuyela ukufumana neefoto. ldilesi yakhe ithi P0 Box 7885, Namakgate, 1391.

UREASON MATINYADZE ngumfo
one- 18 leminyaka ongathanda ukubhalelwa lulutsha. Uthanda ukubukela ITV. ukuphulaphula umculo, ukubukela ibhola ekhatywayo, ukuya ecaweni nokufunda iincwadi zamabali. Mbhaleleni ngesiNgesi okanye isiShona. ldilesi yakhe ithi 16146 Unit M Seke, Chitungwiza, Zimbabwe.

UKLATSON R KAMBEWA unama- 30 eminyaka ongathanda ukuba nabahlobo abaneminyaka ephakathi kwe-18 nama-50. Uthanda ukubukela iividiyo, ukubukela lbhola ekhatywayo nokufunda iincwadi zamabali nemagazini, ukuphulaphula umculo ingakumbi owereggae nokukhenketha. ldilesi yakhe ithi P.0 Box 30504, Chichini.
Blantyre 3, Malawi.



		BONA XHOSA - September 1997 89

		BONA XHOSA - Septenber 1997 91

